19 Ke kaloku igumbi eliyingcwele eliya lingaphakathi kule ndlu walilungiselela ukuze kulo kuhlale ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.
20 Eli gumbi liphakathi ke lona laliziimitha ezilithoba ubude, ububanzi, nokuphakama. Umphakathi walo ke wawutyatyekwe ngegolide ecwengileyo; ukanti lona iqonga lalambathiswe ngomsedare.
21 Umphakathi wale ndlu uSolomon wawutyabeka ngegolide ecwengileyo, waza watsala amatyathanga egolide anqumleza phambi kwelaa gumbi liphakathi, nalo ke elalityatyekwe ngegolide.
22 Umphakathi wonke wawutyatyekwe kwangegolide; kananjalo neqonga elikwigumbi eliyingcwele likwatyatyekwe ngegolide.
23 Phaya kwigumbi eliyingcwele wenza *izithunywa ezimaphiko zazibini, ezenza ngomthi womnquma. Ukuphakama kwaso ngasinye kwakuziimitha ezine ezineesentimitha ezimashumi mane.
24-25 Zozibini ezi zithunywa zazilingana zifana, ngasinye ke sinamaphiko amabini, phiko elo laliziimitha ezimbini ezineesentimitha ezimashumi mabini ubude. Ngoko ke umgama wokusuka kwincam yephiko ukuya kwincam yelinye wawuziimitha ezine ezineesentimitha ezimashumi mane.
26 Ukuphakama kwesithunywa ngasinye bekuziimitha ezintlanu.