24-25 Zozibini ezi zithunywa zazilingana zifana, ngasinye ke sinamaphiko amabini, phiko elo laliziimitha ezimbini ezineesentimitha ezimashumi mabini ubude. Ngoko ke umgama wokusuka kwincam yephiko ukuya kwincam yelinye wawuziimitha ezine ezineesentimitha ezimashumi mane.
26 Ukuphakama kwesithunywa ngasinye bekuziimitha ezintlanu.
27 Zozibini ke ezi zithunywa zazimi zilungelelene apho kwigumbi eliphakathi. Amabini kuloo maphiko azo athe naa ayerhecana esazulwini segumbi elo, aze amanye la mabini arhece iindonga.
28 Zozibini ke ezi zithunywa wazityabeka ngegolide.
29 Iindonga zegumbi elikhulu nezegumbi eliphakathi zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko, amasundu, kwaneentyatyambo.
30 Umgangatho wala magumbi wawambathisa ngegolide.
31 Emnyango wegumbi eliyingcwele kwakukho ungcango-mbini owenziwe ngamaplanga omnquma, umgubasi wona wenziwe wangunxa-ntlanu.