2 Ibhotwe lalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon. Laliziimitha ezingamashumi amane anesine ubude balo, liziimitha ezingamashumi amabini anambini ububanzi, ukuphakama kuziimitha ezilishumi elinesithathu elinesiqingatha. Lalinezintlu ezine zeentsika zomsedare, zintsika ezo ezazixhasa imiqadi yomsedare.
3 Uphahla lwayo lwalwenziwe ngomsedare obekwe phezu kwemiqadi eyayixhaswa ziintsika. Imiqadi le yayingamashumi amane anantlanu, ilishumi elinesihlanu kuluhlu ngalunye.
4 Kwakukho izintlu ezintathu zeefestile eziphakamileyo zijongene.
5 Imigubasi yeengcango yayenziwe buxande, iminyango le izizintlu ezintathu ezijongeneyo.
6 Igumbi elilandelayo laliziimitha ezingamashumi amabini anesibini ubude, luziimitha ezilishumi elinesithathu nesiqingatha ububanzi. Ekungeneni kulo kwakukho igunjana elilisango elineentsika nevaranda.
7 Igumbi elilandelayo yayiligumbi lekumkani elalikwayinkundla yamatyala apho uSolomon wayewavavanyela khona. Iindonga zazambathiswe ngamaplanga omsedare ukusukela emgangathweni kuye kuthi gaa ngesilingi.
8 Ibhotwe lakhe apho wayehlala khona uSolomon, elalakhiwe kwiyadi esemva kwendlu yokuxoxwa kwamatyala, lalakhiwe ngokufanayo nezinye izindlu esezichaziwe. Kananjalo uSolomon wakha ibhotwe eliyelele kwelakhe, elakhela umkakhe intombi yokumkani waseJiputa.