21 Ezi ntsika ke wazimilisela phambi komnyango wendlu kaThixo. Le ingasekhohlo wathi nguJakin, waza engasekunene wathi nguBhowazi.
22 Iintloko zazo zazimilise okweenyibiba. Waba ke njalo uyagqitywa umsebenzi weentsika.
23 Kananjalo wenza ichibi ngobhedu. Lalingqukuva, liziimitha ezimbini ezinekota ubunzulu, ububanzi buziimitha ezine ezinesiqingatha, laza ke laziimitha ezilishumi elinekota ukujikeleza.
24 Ngaphantsi komphetho walo jikelele kwakukho amathangazana. La mathangazana ayeyimiqolo emibini, eyinto enye nechibi elo.
25 Eli chibi lalimi phezu kweenkunzi zeenkomo ezilishumi elinesibini ezenziwe ngobhedu, ezintathu zikhangele ngasentla, ezintathu zijonge ngasentshona, esintathu zikhangele ngasezantsi, zaza kananjalo ezintathu zajonga ngasempuma. Ichibi lalithe ngxishi phezu kwazo, izinqe zazo zijonge embindini walo.
26 Ububanzi balo babulingana nesandla, umphetho walo ufana nekomityi, kanye oku kwenyibiba edubuleyo. Lalingena iilitha ezingamawaka angamashumi amane.
27 Kananjalo uHuram wenza neshumi leenqwelo zobhedu, nganye kuzo iyimitha eneekota ezintathu ubude, bukwangako nobubanzi, ukuphakama kuyimitha enekota.