39 Isihlanu sezo nqwelo wasibeka ngasekunene kwendlu kaThixo, esinye isihlanu sezo nqwelo wasibeka ngasekhohlo kwayo. Ke lona ichibi walibeka ngasekunene kwikona ekumazantsi-mpuma.
40 Kananjalo uHuram wenza neembiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Ngoko ke uHuram wawugqiba umsebenzi awayewenzela ukumkani uSolomon endlwini *kaNdikhoyo.
41 Yayiziintsika ezimbini;iintloko ezimbini ezibusitya zezo ntsika;amatyathanga alukiweyo amabini ahombise ezo ntloko zimbini zibusitya zezo ntsika;
42 iirharnati ezimakhulu mane ziyimiqolo emibini ethe nca kwityathanga ngalinye elilukiweyo elihombisa ezo ntloko zibusitya zeentsika ezo;
43 izixhaso ezilishumi zinezitya zazo ezilishumi;
44 ichibi lobhedu lineenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu ezilixhasayo;
45 iimbiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Zonke ke ezo zixhobo zazenziwe nguHuram ezenzela ukumkani uSolomon ukuze zisetyenziswe endlwini kaNdikhoyo zazenziwe ngobhedu olugudisiweyo.