41 Yayiziintsika ezimbini;iintloko ezimbini ezibusitya zezo ntsika;amatyathanga alukiweyo amabini ahombise ezo ntloko zimbini zibusitya zezo ntsika;
42 iirharnati ezimakhulu mane ziyimiqolo emibini ethe nca kwityathanga ngalinye elilukiweyo elihombisa ezo ntloko zibusitya zeentsika ezo;
43 izixhaso ezilishumi zinezitya zazo ezilishumi;
44 ichibi lobhedu lineenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu ezilixhasayo;
45 iimbiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Zonke ke ezo zixhobo zazenziwe nguHuram ezenzela ukumkani uSolomon ukuze zisetyenziswe endlwini kaNdikhoyo zazenziwe ngobhedu olugudisiweyo.
46 Ezo zinto ukumkani wathi mazibunjwe ngezibumbi zomdongwe kwintili yeJordan phakathi kweSukoti neZaretan.
47 USolomon zange abulinganise ubunzima bezi zinto, kuba kaloku zazininzi gqitha. Ngoko ke ubunzima bobhedu zange bulinganiswe.