43 izixhaso ezilishumi zinezitya zazo ezilishumi;
44 ichibi lobhedu lineenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu ezilixhasayo;
45 iimbiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Zonke ke ezo zixhobo zazenziwe nguHuram ezenzela ukumkani uSolomon ukuze zisetyenziswe endlwini kaNdikhoyo zazenziwe ngobhedu olugudisiweyo.
46 Ezo zinto ukumkani wathi mazibunjwe ngezibumbi zomdongwe kwintili yeJordan phakathi kweSukoti neZaretan.
47 USolomon zange abulinganise ubunzima bezi zinto, kuba kaloku zazininzi gqitha. Ngoko ke ubunzima bobhedu zange bulinganiswe.
48 Kananjalo uSolomon wazenza zonke iimpahla zendlu kaNdikhoyo:iqonga lamadini legolide;itafile yegolide eyayihlala isonka esinikelwa kuThixo;
49 iziphatho-zibane ezenziwe ngegolide (ezihlanu ngasekunene, ezihlanu ngasekhohlo, zimi phambi kwegumbi eliyingcwele kangcwele);iintyatyambo, izibane, nezitya zokugcina imitya yezibane;