9 Zonke ezi zakhiwo, kunye neyadikazi enkulu, zazakhiwe ngawona matye odidi oluphambili ukusuka kwiziseko zazo kuye kuthi xhaxhe ekudibaneni nophahla. La matye ayelungiselwa apho ayembiwa khona ukuze angene athi ngci ezindaweni zawo. Ayecokiswa ngeesarha ukuze afaneleke ngaphandle nangaphakathi.
10 Isiseko sasisesamatye amakhulu odidi, amanye kuwo eziimitha ezintathu ezinesiqingatha ubude, amanye ke eziimitha ezine.
11 Bekusakhiwa ngamanye amatye phezu kwawo aqingqwe alungelelaniswa kunye nemiqadi yomsedare.
12 Iindonga zeyadi yebhotwe, kwanezeyadi ephakathi yendlu *kaNdikhoyo, kwanegunjana elilisango lendlu kaNdikhoyo, zazakhiwe ngemiqolo emithathu yamatye aqingqiweyo elandelwa ngumqolo omnye weplanga lomsedare, njalo ke ukunyuka.
13 Ukumkani uSolomon wathumela eTire ukuba kuyiwe kuthathwa uHuram,
14 onina wayengumhlolokazi wendlu kaNafetali, uyise engumTire. Lo mfo wayeyingcibi yezobhedu, elichule elinamava kuzo zonke izinto ezenziwa ngobhedu. Weza ke kukumkani uSolomon, wawenza wonke umsebenzi awunikiweyo.
15 Ke kaloku uHuram lo wabumba iintsika zobhedu ezimbini, inye iziimitha ezisibhozo ukuphakama, iziimitha ezintlanu nesiqingatha jikelele.