34 wena ke yiva usezulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, uwabuyisele kulo mhlaba wawunika ooyise.
35 “Xa amazulu athe avaleka, ayabikho imvula, kuba abantu bakho bekonile, mabathi xa bathe babhekisa kule ndawo ngomthandazo, bevuma igama lakho, bezishiya nezono zabo kuba wena ubabandezele –
36 wena ke, yiva usezulwini, usixolele isono sezicaka zakho, abantu bakho amaSirayeli. Uze ubafundise indlela efanelekileyo yokuziphatha, ulithi jize ngemvula ilizwe elililifa owalinika abantu bakho.
37 “Xa kuthe kwakho indlala nokuba ngubhubhani kweli lizwe, okanye kubekho isihlava, isihumba, iinkumbi, iintotoviyane, okanye xa abantu bakho bathe bangqingwa lutshaba nakusiphi na kwizixeko zabo, ukanti nokuba sisiphi na isithwakumbe okanye isifo esibafikeleyo,
38 makuthi xa kukho nawuphi na kubantu bakho othandazayo ekhunga ngenxa yokubandezeleka kwentliziyo yakhe, nezandla zakhe eziphakamisela kule ndlu,
39 wena ke yiva usekhayeni lakho ezulwini. Ewe, xolela, ulowo nalowo umphathe ngokwezenzo zakhe, kuba wena uyayazi intliziyo yakhe. (Kaloku nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zabantu bonke.)
40 Ngaloo ndlela ke baya kukuhlonela ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi kulo mhlaba wawupha oobawo.