4 kunye nentente yesibingelelo, nazo zonke izinto ezingcwele ezazikuyo. Ababingeleli nabaLevi bazithwala ezo zinto.
5 Ke yena ukumkani uSolomon nalo lonke ibandla likaSirayeli elaliqokelelene kuye babemi phambi kwetyesi, besenza amadini ngeegusha neenkomo ezininzi, inyambalala enganakubalwa.
6 Ababingeleli ke bayithatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bayisa endaweni yayo kwigumbi elingaphakathi endlwini kaThixo – ingcwele kangcwele – bayibeka phantsi kwamaphiko ezo *zithunywa zimaphiko.
7 Izithunywa ezo ke zawathi naa loo maphiko azo, zayigquma loo ndawo yayikuyo ityesi ndawonye namanqwanqwa okuyiphatha.
8 La manqwanqwa ke ayemade ngangokuba zazibonakala iziphelo zawo kumntu ophambi kwengcwele kangcwele, kambe ke zingabonakali kongaphandle kweyona ndawo ingcwele. Aselapho ke unanamhlanje.
9 Apho kuloo tyesi kwakungekho nto ngaphandle kwamacwecwe amabini amatye, lawo ayefakwe kuyo nguMosis eHorebhe, apho uNdikhoyo wenza umnqophiso namaSirayeli akuba ephumile eJiputa.
10 Bathe ke bakuphuma ababingeleli kwindawo engcwele, indlu kaNdikhoyo leyo yazaliswa lilifu.