63 USolomon wenzela uNdikhoyo idini lobudlelwane ngeenkomo ezingamawaka angamashumi amabini anambini, kunye neegusha neebhokhwe ezilikhulu elinamashumi amabini amawaka. Ngaloo ndlela ke ukumkani nawo onke amaSirayeli bayivula beyinikela indlu kaNdikhoyo.
64 Kwangaloo mini ke ukumkani wawungcwalisa umbindi wenkundla ephambi kwendlu kaNdikhoyo, waza khona apho wenza amadini atshiswayo, aweenkozo, kunye namanqatha alidini lobudlelwane. Kaloku elo qonga lobhedu likaNdikhoyo lalilincinci, lingawalingene amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo namadini obudlelwane enziwa ngamanqatha.
65 Ngelo thuba ke uSolomon walenza itheko enamaSirayeli ephela, inyambalala yembizo, abantu abaphuma kwinkalo yeHamati kude kuthi xhaxhe ngomda waseJiputa. Apho ke phambi koNdikhoyo uThixo wethu babhiyoza imihla esixhenxe, bada bongeza nesinye isixhenxe yalishumi elinesine leentsuku.
66 Ngomhla olandelayo ke wabandulula abantu. Nabo ke bamthamsanqela ukumkani, baza bagoduka bonwabile benemihlali ngenxa yezinto ezintle uNdikhoyo awayezenzela isicaka sakhe uDavide kunye nabantu bakhe amaSirayeli.