3 UNdikhoyo wathetha naye wathi:“Ndiwuvile umthandazo nezikhungo ozenzileyo kum. Le ndlu uyakhele ukuhlala igama lam ndiyingcwalisile. Amehlo am ohlala kuyo, intliziyo yam ingaze yahlukane nayo.
4 “Ke wena ukuba uthe wahamba phambi kwam ngokunyaniseka konke nangentliziyo engagqwidiziyo njengoyihlo uDavide, xa uthe wakwenza konke endikuyalela kona, wayigqala imimiselo nemithetho yam,
5 ndiya kubuzinzisa ubukhosi bakho phezu koSirayeli nanini-nanini njengoko ndathembisayo kuyihlo uDavide ngokuya ndandisithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda yokuhlala kwisihlalo sobukhosi kwaSirayeli.’
6 “Kodwa ukuba nina nokuba ngoonyana benu nisuke nandilahla anayikhathalela imiyalelo nemimiselo endininike yona, naphamba naya kukhonza ninqula *thixo bambi,
7 mna ndomnqamla uSirayeli kweli lizwe ndamnika lona, nale ndlu ndiyingcwalisele igama lam ndoyilahla. Ke yena uSirayeli uya kuba ngundaba-mlonyeni, abe sisigculelo kuzo zonke izizwe.
8 Ewe, ingade ibe ngoku inomtsalane le ndlu, kodwa bonke abadlula kuyo baya kumangaliseka baphoxise bathi: ‘Ngani ukuba uNdikhoyo enze into enje kweli lizwe nakule ndlu?’
9 Bophendula ke abantu bathi: ‘Kungenxa yokuba aba bantu besuke bamfulathela uNdikhoyo uThixo wabo, lowo wakhupha ooyise eJiputa. Basuke baqhogana nathixo bambi, bababusa babanqula. Kungenxa yeso sizathu ke ebathobele esi sithwakumbe nje.’ ”