1 Ke kaloku ngonyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaJerobhowam, uAbhiya waba ngukumkani wakwaJuda,
2 waza ke walawula eJerusalem iminyaka emithathu. Unina yayinguMahaka intombi kaUriyeli waseGibheya.Yayisoloko iyimfazwe phakathi koAbhiya noJerobhowam.
3 UAbhiya walwa noJerobhowam, uAbhiya enomkhosi wamawaka angamakhulu amane amajoni angoompondo-zihlanjiwe. Ke uJerobhowam wangena kuloo mfazwe enomkhosi ongamakhulu asibhozo amawaka amajoni aziimbalasane.
4 UAbhiya wema kwintaba iZemarayim kwelo leentaba lakwaEfrayim, waza wathi: “Phulaphulani, Jerobhowam nani nonke maSirayeli!
5 Ngaba anazi na ukuba *uNdikhoyo uThixo wakwaSirayeli umbuso wakwaSirayeli wawunikela kwindlu kaDavide nesizukulwana sayo ngomnqophiso wetyuwa oya kuma ngonaphakade?
6 Kambe ke yena uJerobhowam unyana kaNebhati owayeliphakathi likaSolomon unyana kaDavide wasuka wavukelana nenkosi yakhe.
7 Iqedlana leendlavini lasuka langakuye, lachasana noRehobhowam unyana kaSolomon, bamvuyelela kuba eselula, engekabi namava, futhi engekomeleli ukuba abe nokuchasana naye.