11 Ke uAmaziya wabuya womelezeka wawukhokelela kwiNtili yeTyuwa umkhosi wakhe, apho ke wageqa amadoda aseSeyire alishumi lamawaka.
12 Kananjalo umkhosi kaJuda wathimba amadoda alishumi lamawaka, wawathatha loo mabanjwa wawasa kwincopho yeliwa, waza wawajulela ezantsi antlekeka afa onke.
13 Ke wona laa mabutho wawagodusayo uAmaziya, asuka ahamba enqoloba iidolophu zakwaJuda ukususela eSamariya kuye eBhete-horon. Abulala abantu abangamawaka amathathu, aza athimba intaphane yamaxhoba.
14 UAmaziya ukubuya kwakhe evela kubulala amaEdom wabuya nazo izithixo zabantu abo baseSeyire. Wazimisela ezo zithixo zaba zezakhe, waqubuda kuzo, wazenzela namadini atshiswayo.
15 Ke ingqumbo kaNdikhoyo yavutha ngakuAmaziya. Waza ke wamthumelela umshumayeli owathi kuye: “Ngani ukuba uthembele kwaba thixo bolu hlanga, bengabanga nako nje ukubahlangula abantu babo esandleni sakho?”
16 Esathetha njalo, ukumkani wathi kuye: “Umiswe ngubani ukuba ucebise ukumkani wena? Suk' apha, thula! Kungenjalo ke ndakukubulala!”Umshumayeli ke wayekelela, kodwa waleka ngelithi: “Kambe ke ndiyazi ukuba uNdikhoyo uzimisele ukukutshabalalisa ngenxa yokuba uyenzile le nto, akwaliphulaphula necebiso lam.”
17 Ke uAmaziya ukumkani wakwaJuda uthe akuba ethetha-thethene nabacebisi bakhe wasuka wathumela ecel' umngeni kuYehowashe unyana kaYowahazi, kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Yiza sihlangane!”