11 Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.
12 Ndifumanise ukuba akukho nto iyenye angayenzayo umntu ngaphandle kokuba ahlale onwabile, enze okulungileyo lo gama esaphila,
13 kwanokuba wonke umntu atye asele aneliseke yimigudu yakhe. Kaloku sisipho esivela kuThixo eso.
14 Ndiyazi ukuba yonke into eyenziwa nguThixo iya kuhlala ihleli; akukho nto inokongezwa kuyo, kungekho nto inokususwa kuyo. UThixo uyakwenza oku ukuze ahlonelwe ngabantu.
15 Into ekhoyo ibiselikho kakade,nento eya kubakho ibikho ngaphambili.UThixo uyakubuyisela obekusele kudlule.
16 Ngaphezu koko ke ndifumanise ukuba apha phantsi kwelanga usuka ufumane inkohlakalo endaweni yokugweba ngokufanelekileyo, nditsho inkohlakalo endaweni yobulungisa.
17 Ndagqiba kwelithi: “UThixo uza kugweba bonke, abalungileyo nabakhohlakeleyo, kuba umise ixesha layo yonke imicimbi nazo zonke izenzo.”