13 kwanokuba wonke umntu atye asele aneliseke yimigudu yakhe. Kaloku sisipho esivela kuThixo eso.
14 Ndiyazi ukuba yonke into eyenziwa nguThixo iya kuhlala ihleli; akukho nto inokongezwa kuyo, kungekho nto inokususwa kuyo. UThixo uyakwenza oku ukuze ahlonelwe ngabantu.
15 Into ekhoyo ibiselikho kakade,nento eya kubakho ibikho ngaphambili.UThixo uyakubuyisela obekusele kudlule.
16 Ngaphezu koko ke ndifumanise ukuba apha phantsi kwelanga usuka ufumane inkohlakalo endaweni yokugweba ngokufanelekileyo, nditsho inkohlakalo endaweni yobulungisa.
17 Ndagqiba kwelithi: “UThixo uza kugweba bonke, abalungileyo nabakhohlakeleyo, kuba umise ixesha layo yonke imicimbi nazo zonke izenzo.”
18 Ndagqiba ngelithi: “UThixo uyaluvavanya uluntu, efuna ukuba luqonde ukuba alwahluke kuya phi ezilwanyaneni.
19 Kaloku isiphelo somntu siyafana nesesilwanyana. Ukufa kubabopha ngentambo enye ngokufanayo. Ewe, umoya mnye emntwini nasesilwanyaneni. Ke umntu akasidluli nganto isilwanyana. Yonke into ingamampunge.