6 Uthando ndawonye nentiyo yabo, kunye neminqweno, kukonke nje kwafa kunye nabo. Abasoze babuye babe nenxaxheba kwizinto ezenzekayo apha phantsi kwelanga.
7 Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.
8 Maxa onke vatha ezimhlophe, nezithambiso zentloko ungaziyeki.
9 Hlala ngokonwaba nomfazi wakho omthandayo ngemihla yobomi bakho obungamampunge obunikwe nguThixo kulo mhlaba – nditsho zonke ezo ntsuku zingamampunge – kuba eso kuphela kwesabelo oya kusizuza ngokubulaleka kwakho apha phantsi kwelanga.
10 Nawuphi na umsebenzi owubambileyo ngezandla zakho wenze ngamandla akho onke; kuba kaloku akwenziwa nto, akucingwa, kungekho lwazi nabulumko engcwabeni, apho wena uya khona.
11 Nantsi enye into endiyibonileyo apha phantsi kwelanga: ezona mbaleki zisenokungaphumeleli elugqatsweni, futhi namagorha avunyiweyo asenokoyiswa edabini. Ewe, izilumko zisenako ukuswela ukutya, kanti ke neengqondi zisenokuphulukana nobutyebi, kwanjengokuba neengcaphephe zisenokuphosana nezikhundla eziphezulu. Kaloku wonke umntu uba namaxesha namathuba akhe.
12 Ke yena umntu akazi ukuba ithuba lakhe linini na. Njengentlanzi ebanjiswe ngomnatha ongenalusini, okanye intaka ebhajiswe ngumgibe, nathi bantu sisuka sixinwe yimin' embi esigubungela singayilindelanga.