6 Ngoku sobe ndibe savelana nabantu beli lizwe,” nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. “Umntu ngamnye ndomnikezela esandleni sommelwane wakhe nokumkani wakhe. Bona bosuka balilawule ngengcinezelo ilizwe; ke mna andiyi kubahlangula esandleni sabo.”
7 Ngoko ke ndawalusa umhlambi oza kuxhelwa, ingakumbi ke lowa wawuphatheke kakubi. Ndathatha iinduku zambini, enye yazo ndathi nguThandekile, eyesibini ndathi nguManyano, ndawalusa ngazo umhlambi.
8 Ngenyanga enye ndabagxotha abelusi abathathu. Kaloku basuka bandicaphukela, nam ke ndasuka ndakruquka,
9 ndathi: “Andiyi kuphinda ndibe ngumalusi. Ezifayo mazife, zitshabalale ezo zitshabalalayo. Ke zona eziseleyo iyileyo naleyo mazitye inyama yenye.”
10 Ndasuka ke ndathatha laa nduku inguThandekile, ndayaphula nditshitshisa umnqophiso endawenzayo nazo zonke izizwe.
11 Ngaloo mini ke waphuthiswa, waza nomhlambi ophatheke kakubi owandibonayo waqonda ukuba lilizwi likaNdikhoyo elo.
12 Ke mna ndathi kubo: “Ukuba leyo yeyona nto ingcono kuni, ndinikeni intlawulo yam, kodwa ke, ukuba aniboni njalo, yigcineni.” Baza ke bandihlawula iingqekembe zesiliva ezimashumi mathathu.