11 “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo akanako ukwenziwa nto kukufa kwesibini. ’ ”
12 “Bhalela ummeli webandla lasePergama, uthi: ‘Olu daba luvela kulowo unekrele elibukhali elibaze macala.
13 Ndiyayazi le ndawo uhlala kuyo: Kusebhotwe kwaSathana! Kodwa nakuba kunjalo awundilahlanga. Awuzange utyhafe undikhanyele, nangethuba kwakubulawa ingqina lam elithembekileyo uAntipas, apho kuloo dolophu yakho ilikhaya likaSathana.
14 Kambe ke ndineendawana ezingandikholisiyo apha kuwe: Kwalapho kuwe bakho abasabambelele kwimfundiso kaBhalam. Kaloku yena ngulowa wafundisa uBhalaki ukulukuhla amaSirayeli. Wawakhuthaza ukuba atye ukutya okwenzelwe izithixo, arheletye.
15 Ngokukwanjalo ke nalapho kuni bakho ababambelele kwimfundiso yamaNikolawo.
16 Ngoko ke guquka, kungenjalo abo bantu ndiya kubahlasela ngekrele lomlomo.
17 “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo ndiya kumpha *imana efihliweyo. Ndiya kumnika nelitye elimhlophe apho kukrolwe igama elitsha elingaziwa mntu ngaphandle kwalowo lilelakhe.’ ”