15 Ngokukwanjalo ke nalapho kuni bakho ababambelele kwimfundiso yamaNikolawo.
16 Ngoko ke guquka, kungenjalo abo bantu ndiya kubahlasela ngekrele lomlomo.
17 “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo ndiya kumpha *imana efihliweyo. Ndiya kumnika nelitye elimhlophe apho kukrolwe igama elitsha elingaziwa mntu ngaphandle kwalowo lilelakhe.’ ”
18 “Bhalela ummeli webandla laseTiyatire, uthi: ‘Nalu udaba oluvela kuNyana kaThixo, yena unamehlo alenya ngathi ngamadangatye omlilo, onyawo zimenyezela ngathi lubhedu olugudisiweyo.
19 Ndiyasazi isimo sakho: unothando; uthembekile, ukhuthele, unomonde. Futhi ndiyaqonda ukuba ngoku uthath' unyawo kunakuqala.
20 Kambe ke ndinendawo ngakuwe: Kaloku awumchasi uJezebhele, intokazi ethi *ingumshumayeli. Ngemfundiso yakhe izicaka zam uziwexulela ekurheletyeni nasekutyeni ukutya okwenzelwe izithixo.
21 Nakuba ndimnikile ithuba lokuguquka ezonweni zakhe, akazimiselanga ukwahlukana nokurheletya.