1 Ndabona isithunywa sivela ezulwini sisiphethe ngesandla isitshixo senzonzobila. Sasiphethe nento enkulu yetyathanga.
2 Salibamba igongqongqo, inyoka endala, umtyholi, uSathana. Salikhonkxa iwaka leminyaka.
3 Salifaka enzonzobileni, sawuvala umnyango, sawutywina, sisenzela ukuba lingabe liphinde lilulahlekise uluntu kude kuphele iwaka leminyaka. Emva kwelo thuba igongqongqo limelwe kukukhululwa; phofu okwethutyana nje elingephi.
4 Emva koko ndabona izihlalo. Ndabona kuhlala kuzo abo babenikwe igunya lokugweba. Ndababona nâbo babenqunyulwe iintloko ngenxa yokuba ngamangqina kaYesu nangenxa yokushumayela ilizwi likaThixo. Ndababona nabo bangavumanga ukulinqula irhamncwa okanye umfanekiso walo, kwanabo bangavumanga ukuphawulwa kumabunzi okanye esandleni ngophawu lwerhamncwa. Bavuka ekufeni, balawula kunye noKrestu iminyaka eliwaka.