21 Wathi uIsake kuYakobi, Khawusondele, ndikuve, nyana wam, ukuba unguye na kanye unyana wam uEsawu, akunguye, kusini na?
22 Wasondela uYakobi kuIsake uyise, wamva, wathi, Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu.
23 Àkamnakana ke, kube izandla zakhe zaba noboya, njengezandla zikaEsawu umkhuluwa wakhe; wamsikelela ke.
24 Wathi, Wena lo ùngunyana wam uEsawu na?
25 Wathi yena, Ndinguye. Wathi, Sondeza kum ndidle inyamakazi yonyana wam, ukuze umphefumlo wam ukusikelele. Wayisondeza kuye, wadla, wamzisela newayini, wasela.
26 Wathi uyise uIsake kuye, Khawusondele undange, nyana wam.
27 Wasondela, wamanga; waliva ivumba leengubo zakhe, wamsikelela wathi,Yabona, ivumba lonyana wam linjengevumba lelizwe elisikelelwe nguYehova.