1 Ngoku ke ukumkani uDavide wayeyindoda eyalupheleyo, iminyaka yakhe seyihambile. Wayekhathazwa kukugodola, kuba wayengafudumali noba selefunjelwe ngeengubo ezininzi.
2 Ke kaloku amaphakathi akhe athetha naye athi: “Masikukhangelele intombi nto, mhlekazi, ukuze ikulungiselele ikonge, ilale kufuphi nawe, ufudumale, mhlekazi.”
3 Behla benyuka ke apho kwaSirayeli, bekhangela loo nzwakazi, bada ke bafumana uAbhishagi umShunemikazi. Bamthatha ke, bamzisa apho kukumkani.
4 Intombi le ke yayiyinzwakazi ecikizekileyo. Yamonga ke ukumkani, yamlungiselela, kambe ke yena ukumkani zange ayambathe.