5 nokutya okusetafileni yakhe, naloo maphakathi akhe, nendlela ahlaliswe ngayo, nezicaka ziwunduzelisa ngeminweba, nabangcamli, naloo madini atshiswayo wayewenza endlwini kaNdikhoyo, wasuka wee khumnqa.
6 Wathi kukumkani: “Ingxelo endiyive kwelakowethu mayela nempumelelo yakho ndawonye nobulumko bakho kuthe kanti yinyani.
7 Kambe ke zange ndizikholelwe ezi zinto de ndazibonela ngala wam amehlo. Ngenene andixelelwanga nesiqingatha esi ngawe. Mayela nobulumko nobutyebi wena ukude lee kwingxelo endandiyifumene.
8 Anoyolo amadoda akwakho! Anenyweba amaphakathi akho asoloko ekuququzelela esiva nobu bulumko bakho!
9 Makabongwe uNdikhoyo, uThixo wakho, yena ukholisekileyo nguwe, waza wakubeka esihlalweni kwinkundla kaSirayeli. Kaloku uNdikhoyo uSirayeli umthanda ngothando elungaphele ndawo. Yiyo loo nto akwenze ukumkani ukuze uzinzise umthetho nobulungisa.”
10 Ke ukumkanikazi waseShebha wanika uSolomon igolide ebunzima bungaphezu kweekhilogram ezingamawaka amane, kunye nentaphane yezinongo namatye exabiso. Izinongo awazinikezela apho kukumkani uSolomon zingaphezu kwazo zonke izinongo ezakhe zazuzwa nanini nanini.
11 Iinqanawe zikaHiram zazithwala igolide ziyithatha eOfire, kananjalo nemithwalo yomthi wom-almugi kunye namatye exabiso.