14 *UNdikhoyo ke wavusela uSolomon utshaba olunguHadadi, umfo wegazi lobukhosi bamaEdom.
15 Kwimihla yamandulo xa uDavide wayesilwa namaEdom, uJowabhi injengele yomkhosi owayeye kufihla abagwaziweyo, wawabulala onke amaEdom.
16 UJowabhi lo, ekunye nawo onke amaSirayeli, wahlala apho iinyanga zantandathu, bada bawatshabalalisa onke amadoda ase-Edom.
17 Ke yena uHadadi lo wayeseyinkwenkwe, waza ke wabalekela eJiputa, ekunye namaphakathi ayekumbuso kayise.
18 Baphuma eMidiyan, bajonga eParan. Baza baphuma apho namadoda athile, baya eJiputa, waza ke ukumkani wakhona wanika uHadadi indlu nomhlaba, wamxhasa ngokutya.
19 Ukumkani lowo ke wakholiseka nguHadadi, ngangokuba ade amendisele udade bomkakhe ogama linguTapanes.
20 Loo mfazi ke wazala unyana owathiywa igama elinguGenubhati. Waza ke uTapanes wamkhulisela apho komkhulu. UGenubhati lo ke wakhula nabantwana bokumkani waseJiputa.