27 Nantsi indlela awavukela ngayo ukumkani: uSolomon wayegangatha umhlaba okwimpuma yeJerusalem, elungisa neendonga zesixeko sikayise uDavide.
28 Ke kaloku lo mfo unguJerobhowam wayelichule. Akubona ubuhle bomsebenzi walo mfana ke uSolomon, wammisa ukuba abe ngumveleli kubo bonke abasebenzi bendlu kaJosefu.
29 Ngelo thuba ke uJerobhowam waphuma eJerusalem, waza ke wadibana *nomshumayeli waseShilo uAhiya, yena enxibe isambatho esitsha. Baba bodwa ke apho emaphandleni bobabini,
30 waza uAhiyo wathatha eso sambatho sitsha wayesinxibile, wasikrazula saziziqwenga ezilishumi elinambini.
31 Waza ke wathi kuJerobhowam: “Zithathele iziqwenga zibe lishumi. Kaloku la ngamazwi *kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, uthi: ‘Ndiza kuwukrazula umbuso kaSolomon, wena ndikunike izizwe ezilishumi.
32 Kambe ke ngenxa yesicaka sam uDavide, nesixeko sam iJerusalem endasinyulayo kuzo zonke izizwe zikaSirayeli, yena wosala nesizwe sibe sinye.
33 Le nto ke ndiza kuyenza kuba bandilahlile banqula uAshtoreti isithixokazi samaSidon, noKemoshe uthixo wamaMowabhi, noMilikom uthixo wama-Amon. Ewe, banxaxhile ezindleleni zam; bakutyeshele ukwenza izinto ezilungileyo; abayithobelanga imithetho nemimiselo yam njengoko wenzayo uDavide uyise kaSolomon.