30 waza uAhiyo wathatha eso sambatho sitsha wayesinxibile, wasikrazula saziziqwenga ezilishumi elinambini.
31 Waza ke wathi kuJerobhowam: “Zithathele iziqwenga zibe lishumi. Kaloku la ngamazwi *kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, uthi: ‘Ndiza kuwukrazula umbuso kaSolomon, wena ndikunike izizwe ezilishumi.
32 Kambe ke ngenxa yesicaka sam uDavide, nesixeko sam iJerusalem endasinyulayo kuzo zonke izizwe zikaSirayeli, yena wosala nesizwe sibe sinye.
33 Le nto ke ndiza kuyenza kuba bandilahlile banqula uAshtoreti isithixokazi samaSidon, noKemoshe uthixo wamaMowabhi, noMilikom uthixo wama-Amon. Ewe, banxaxhile ezindleleni zam; bakutyeshele ukwenza izinto ezilungileyo; abayithobelanga imithetho nemimiselo yam njengoko wenzayo uDavide uyise kaSolomon.
34 Kodwa ke umbuso andiyi kuwuthatha wonke esandleni sikaSolomon; yena woba ngumlawuli ngayo yonke imihla yokudla kwakhe ubomi, ngenxa kaDavide isicaka sam endasinyulayo saza sayithobela imithetho nemimiselo yam.
35 Umbuso lo ndiya kuwohlutha kunyana wakhe, wena ndikunike izizwe ezilishumi.
36 Unyana wakhe ndomnika isizwe esinye, ukuze isicaka sam uDavide sibe nesibane yonke imihla eJerusalem isixeko endasinyulela igama lam.