9 Wabuza kubo wathi: “Nindinika cebiso lini nina? Mandithini ukubaphendula aba bantu bathi: ‘Khawuyenze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo’?”
10 Abo bafana baziintanga zakhe baphendula bathi: “Abo bantu bathi: ‘Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, kodwa wena yenze ibe lula kuthi.’ Ke wena baxelele uthi: ‘Ucikicane wam ungaphezu kwesinqe sikabawo.
11 Ukuba ubawo ubenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiza kuyenza ibe nzima ngaphezulu. Ubawo ebenibetha ngoswazi, ke mna ndonikatsa ngemvubu.’ ”
12 Emva kweentsuku ezintathu ke uJerobhowam nabantu bonke babuyela kuRehobhowam ngokwaloo mlomo wakhe owawuthe: “Ze nibuye nize apha kum emva kweentsuku ezintathu.”
13 Ke ukumkani wabaphendula rhabaxa abantu, walilahla icebiso lamadoda amakhulu,
14 wathatha elabafana, wathi: “Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu. Mna ke ndiza kuyenza ibe nzima ngaphezulu. Njengoko yena ubawo ebenibetha ngoswazi, ke mna ndiza kunikatsa ngemvubu.”
15 Ewe, ukumkani akabaphulaphulanga abantu, phofu ke ukuhamba kwezinto ngale ndlela kwakuvela *kuNdikhoyo, efezekisa ilizwi awalithetha kuJerobhowam unyana kaNebhati ngomlomo ka-Ahiya waseShilo.