24 Uthe ke esahamba, kwee gqi ingonyama apho endleleni, yamqwenga yambulala. Waza ke umzimba wakhe wee gangalala apho endleleni, idonki nengonyama zona zingxange phezu kwakhe.
25 Abantu ababedlula bawubona loo mzimba uthe gangalala apho endleleni, phezu kwawo kungxange ingonyama, baza ke baya kulubika olo daba apho kweso sixeko yayihlala kuso inkonde yomshumayeli.
26 Loo mshumayeli wayemjike kuhambo lwakhe uthe akuziva ezo ndaba: “Iya kuba ngulaa mfo wakwaThixo walicekisayo ilizwi likaNdikhoyo. UNdikhoyo umnikele engonyameni esuke yamqwenga yambulala ngokwelizwi elalithethwe kuye nguNdikhoyo.”
27 Umshumayeli lowo wayalela oonyana bakhe, wathi: “Ndibopheleni idonki.” Bayibopha.
28 Waphuma ke, waza wawufumana loo mzimba uthe gangalala endleleni, phezu kwawo kungxange idonki nengonyama. Ingonyama leyo zange iwutye, ingazange iyiqwenge nedonki leyo.
29 Ngoko ke umshumayeli lowo wawuthatha loo mzimba womfo wakwaThixo, wawuxhoma edonkini, wabuya nawo, wawuzisa esixekweni sakhe, ukuze alilelwe angcwatye.
30 Umzimba lowo ke wawufaka kwelakhe ingcwaba, baza ke bamlilela besithi: “Yho-o-o, umntakwethu!”