10 “ ‘Ngenxa yale nto ke ndiza kuyizisela isithwakumbe indlu kaJerobhowam. UJerobhowam ndiza kumbulalela yonke into eyindoda kwaSirayeli, okhululekileyo nekhoboka lembala. Indlu kaJerobowam ndoyivuthulula ngokungathi kukutsha komgquba; ewe, ndoyilenca iphele tu.
11 Abendlu kaJerobhowam abafela esixekweni botyiwa zizinja, kanti ke bona abafela emaphandleni baya kuxhwithwa ziintaka. Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.’
12 “Ke wena okokwakho goduka! Uya kuthi usathi cakatha nje esixekweni, ife inkwenkwe leyo.
13 USirayeli ephela uya kuyililela, aze ke ayingcwabe. KwaJerobhowam kuphela kwayo eya kungcwatywa. Kaloku kwindlu kaJerobhowam iphela kukuyo yodwa apho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli athe wafumana into elungileyo.
14 “UNdikhoyo uza kuzivelisela ukumkani oya kulawula kwaSirayeli, oya kuyinqamla iphele indlu kaJerobhowam. Uyabona ke ngoku, ngamaqalela ke lawo!
15 UNdikhoyo uza kuqwakanisa uSirayeli, kube ngathi kukuzama-zama kweengcongolo emanzini. Uza kumncothula uSirayeli kweli lizwe lihle kunene walipha ooyise-mkhulu. Uya kumsarhaza phesheya komlambo iEfrati. Kaloku uNdikhoyo bamcaphukise ngokwenza izibonda ezifanekisa uAshera.
16 Ngenxa yezono azenzileyo uJerobhowam, nangenxa yokuba ewexule noSirayeli, uNdikhoyo uza kumncama uSirayeli.”