1 Ke kaloku uYehu unyana kaHanani wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo ngokubhekiselele kuBhayesha. Lalisithi:
2 “Ndakuphakamisa eluthulini, ndakwenza inkokheli yabantu bam amaSirayeli. Kambe ke wena suka wangena ekhondweni likaJerobhowam, wabalukuhlela esonweni abantu bam amaSirayeli. Ezo zono ke ziwuxhokonxile umsindo wam.
3 Ngoko ke ngoku ndiza kumsusa uBhayesha kunye nendlu yakhe. Ewe, ndokufanisa nendlu kaJerobhowam unyana kaNebhati.
4 AbakwaBhayesha abafela ezixekweni botyiwa zizinja, ke bona abafela emaphandleni boxhwithwa ziintaka.”
5 Ezinye iziganeko mayela nolawulo lukaBhayesha nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.