10 UZimri wangena wambetha wambulala, xa kanye uAsa akunyaka wamashumi amabini anesixhenxe engukumkani kwaJuda. Waza ke wathatha indawo yakhe.
11 Uthe ke uZimri akungena ezintanjeni wayingenela wayibulala indlu kaBhayesha iphela. Wabulala akashiya duna, nditsho isizalwana nesihlobo.
12 Ewe, uZimri wayitshabalalisa yonke indlu kaBhayesha ngokomlomo kaNdikhoyo ethetha ngomshumayeli uYehu ngokubhekiselele kuBhayesha.
13 Le nto ke wayenza ngenxa yezono ezenziwa nguBhayesha nonyana wakhe uEla, nangenxa yokuba uSirayeli bamlukuhlela esonweni, ngeso senzo ke bamxhokonxa uNdikhoyo, waza wakhathazeka uNdikhoyo uThixo kaSirayeli yimifanekiso yabo ephuthileyo yezithixo.
14 Ezinye zeziganeko zolawulo lukaEla, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
15 Ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe uAsa engukumkani wakwaJuda, uZimri walawula eTirza iintsuku ezisixhenxe. Umkhosi wawumi ngakwidolophu yamaFilistiya iGibheton.
16 Athi akuva amaSirayeli asemkhosini ukuba uZimri wenzele ukumkani iyelenqe wambulala, ammisela uOmri, owayeyinjengele yomkhosi, wangukumkani kwangaloo mini phezu koSirayeli ephela.