14 Ezinye zeziganeko zolawulo lukaEla, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
15 Ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe uAsa engukumkani wakwaJuda, uZimri walawula eTirza iintsuku ezisixhenxe. Umkhosi wawumi ngakwidolophu yamaFilistiya iGibheton.
16 Athi akuva amaSirayeli asemkhosini ukuba uZimri wenzele ukumkani iyelenqe wambulala, ammisela uOmri, owayeyinjengele yomkhosi, wangukumkani kwangaloo mini phezu koSirayeli ephela.
17 Ke uOmri nawo onke amaSirayeli ahlehla eGibheton, aza angqinga iTirza.
18 Uthe akuqonda uZimri ukuba isixeko sihlaselwe, wasuka waya enqabeni yakomkhulu, waza walintumeka umlilo ikomkhulu elo, naye wafela apho.
19 Le nto yenzeka ngenxa yezono awazenzayo esona *uNdikhoyo, ehamba ekhondweni likaJerobhowam nezono awazenzayo nokulukuhlela kwakhe amaSirayeli esonweni.
20 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaZimri kunye novukelo lwakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.