4 AbakwaBhayesha abafela ezixekweni botyiwa zizinja, ke bona abafela emaphandleni boxhwithwa ziintaka.”
5 Ezinye iziganeko mayela nolawulo lukaBhayesha nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
6 UBhayesha waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eTirza. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uEla.
7 Into eyezisa eli lizwi likaNdikhoyo ngomlomo kaYehu unyana kaHanani mayela noBhayesha nendlu yakhe, kungenxa yobubi awabenzayo nemikhwa eyamcaphukisayo uNdikhoyo, nokuhamba kwakhe ekhondweni likaJerobhowam, nokutshabalalisa indlu yakhe.
8 Kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesithandathu uAsa engukumkani wakwaJuda, uEla unyana kaBhayesha waqalisa ukulawula kwaSirayeli, waza walawula eTirza iminyaka emibini.
9 Elinye lamaphakathi akhe uZimri wamenzela iyelenqe. Eli phakathi lalilawula isiqingatha seenqwelo zemfazwe. Ngeli thuba ke uEla wayelibele kukunxila kwa-Arza eTirza. UArza lo ke wayengumlawuli apho komkhulu eTirza.
10 UZimri wangena wambetha wambulala, xa kanye uAsa akunyaka wamashumi amabini anesixhenxe engukumkani kwaJuda. Waza ke wathatha indawo yakhe.