2 Ngenene ke uEliya waya kuAhabhi.Ngelo xesha ke imbalela yayibhokile eSamariya,
3 waza ke uAhabhi wabiza uObhadiya owayengumaqhuzu apho komkhulu. (UObhadiya wayenqula uNdikhoyo enyanisekile.
4 Kwathi xa uJezebhele wayebaphumele ngokubabulala abashumayeli bakaNdikhoyo, uObhadiya wathatha ikhulu labashumayeli, waya kubafihla emiqolombeni emibini, wafaka amashumi amahlanu kumqolomba ngamnye, wamana ebapha ukutya namanzi.)
5 UAhabhi ke wathi kuObhadiya: “Khawuhamba-hambe kuwo wonke lo mhlaba, ujonge ngasemithonjeni nasezintilini, hleze kuthi kanti sisengayizuza ingca, ukuze afumane ukutya amahashe neemeyile, abe nokuphila, nathi singade siyibulale imfuyo yethu.”
6 Umhlaba lowo ke bawahlula-hlula, waza uAhabhi waya kwelinye icala, no-Obhadiya waya kwelinye.
7 Uthe ke esahamba uObhadiya, wadibana noEliya. UObhadiya wamnakana, waza wakhahlela, waguqa phantsi, wathi: “Ngaba ngenene nguwe na lowo, nkosi yam Eliya?”
8 UEliya waphendula wathi: “Ewe, ndim kanye! Hamba uye kuxelela inkosi yakho uthi: ‘Nanku uEliya!’ ”