23 Sinikeni iinkunzana zeenkomo zibe mbini. Abashumayeli bakaBhali mabazikhethele ibe nye, baze bayixhele bayixhaxhe, bayibeke phezu kweenkuni, kodwa bangaphembi mlilo. Nam ke ndozilungiselela enye inkunzana leyo, ndiyixhaxhe, ndiyibeke phezu kweenkuni, kodwa ndingaphembi mlilo.
24 Ze ke nibize igama lothixo wenu, nam ndibize igama likaNdikhoyo. Ke uThixo othe waphendula ngomlilo ngoyena-yena Thixo!”Ke abantu baphendula bathi: “La mazwi uwathethileyo mahle.”
25 UEliya wabhekisa kubashumayeli bakaBhali wathi: “Makuqale nina baninzi, nizikhethele inkunzana ibe nye, nizilungiselele yona. Nakugqiba ke, bizani igama lothixo wenu, kodwa ningawuphembi umlilo.”
26 Ngenene ke bayithatha eyabo inkunzana yenkomo, bayixhela, bayixhaxha.Baza ke banqula igama likaBhali, besukela kusasa kwada kwasemini emaqanda, besithi: “Khawuncede usiphendule, Bhali!” Kodwa ke akwabikho mpendulo, akwabikho bani usabelayo. Hayi ke, baxhentsa bejikeleza elo qonga babelenzile.
27 Emini emaqanda uEliya waphoxisa ngabo esithi: “Khanibe ngathi niyakhwaza. Kaloku nguthixo lo! Mhlawumbi usaminxwe ziingcinga, okanye ziingxaki, angathi kanti useseluhambeni. Mhlawumbi usalele, abe ke usavuswa.”
28 Ngoko ke bathath' unyawo ukukhwaza, bezicenta ngemikhonto namakrele ngokwesiko labo, lada latsaza igazi kubo.
29 Yadlula imini emaqanda, bona baqhubela phambili betaka-taka bekrotsha lada lafika ixesha lamadini asemalanga. Kodwa nangoko kwathi cwaka, akwabikho mpendulo, akwabikho bani usabelayo.