4 Kwathi xa uJezebhele wayebaphumele ngokubabulala abashumayeli bakaNdikhoyo, uObhadiya wathatha ikhulu labashumayeli, waya kubafihla emiqolombeni emibini, wafaka amashumi amahlanu kumqolomba ngamnye, wamana ebapha ukutya namanzi.)
5 UAhabhi ke wathi kuObhadiya: “Khawuhamba-hambe kuwo wonke lo mhlaba, ujonge ngasemithonjeni nasezintilini, hleze kuthi kanti sisengayizuza ingca, ukuze afumane ukutya amahashe neemeyile, abe nokuphila, nathi singade siyibulale imfuyo yethu.”
6 Umhlaba lowo ke bawahlula-hlula, waza uAhabhi waya kwelinye icala, no-Obhadiya waya kwelinye.
7 Uthe ke esahamba uObhadiya, wadibana noEliya. UObhadiya wamnakana, waza wakhahlela, waguqa phantsi, wathi: “Ngaba ngenene nguwe na lowo, nkosi yam Eliya?”
8 UEliya waphendula wathi: “Ewe, ndim kanye! Hamba uye kuxelela inkosi yakho uthi: ‘Nanku uEliya!’ ”
9 “Ngaba ndenze bugwenxa buni kodwa,” ubuzile uObhadiya, “le nto isicaka sakho usinikela esandleni sika-Ahabhi ukuze sibulawe?
10 Ekho nje uNdikhoyo uThixo wakho, akukho lizwe nabukumkani ingathumelanga mntu kulo inkosi yam izingelana nawe lo. Isizwe okanye ubukumkani obuthe bakulandula, ubeqononondisa abafungise ukuba ngenene awufumaneki ndawo khona.