1 Ke kaloku uBhenadadi ukumkani wama-Aram wawuqokelela wonke umkhosi wakhe. Wayencediswa ngookumkani abamashumi mathathu anambini, benamahashe neenqwelo zabo, wayingqinga iSamariya wayihlasela.
2 Wathumela abathunywa apho esixekweni kukumkani uAhabhi wakwaSirayeli, esithi: “Mna Bhenadadi ndithi:
3 ‘Loo siliva naloo golide yakho yeyam ngoku; nezona nzwakazi zabafazi ngabam, ngokunjalo nabantwana.’ ”
4 Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli esithi: “Kanye njengoko sewutshilo, mhlekazi kumkani; xa sisonke nje singabákho, nako konke esinako.”
5 Zabuza kwakhona izithunywa ezo zisithi: “UBhenadadi uthi: ‘Bendithumele ndifuna isiliva negolide nabafazi bakho nabantwana.