1 Yookumkani 20:30-36 XHO96

30 Athi ke aseleyo abalekela kwisixeko iAfeki. Khona apho ke adilikelwa ludonga lwesixeko. Ayengamadoda angamashumi amabini anesixhenxe amawaka.Naye uBhenadadi wabalekela esixekweni, wazimela kwigumbi elingaphakathi.

31 Amaphakathi akhe athi kuye: “Kuthiwa ookumkani bendlu kaSirayeli banovelwano. Masiye kuye, sibhinqe ezirwexayo, iintloko sizithandele ngamagqesha, mhlawumbi anganenceba akusindise.”

32 Ngenene ke babhinqa ezirhwexayo, bazithandela ngamagqesha entloko, baza baya kukumkani wakwaSirayeli, bafika bathi: “Isicaka sakho uBhenadadi sithi: ‘Nceda, sewusindisa nje oku kobomi bam.’ ”Ukumkani wathi: “Ngaba usaphila? Hayi, ngumntakwethu lowo!”

33 Loo madoda ke aphawula ukuba loo mpendulo ibonakalisa ubuhlobo, aza akhawuleza athi: “Ewe, umntakwenu uBhenadadi!”Ukumkani ke wathi: “Hambani nize naye!”Weza ke uBhenadadi, waza uAhabhi wamkhwelisa enqwelweni yakhe.

34 UBhenadadi wathi: “Ndiza kuzibuyisa izixeko ezathathwa ngubawo kuyihlo. Ngaphezu koko ungazenzela izitalato zokuthengisela phaya eDamasko nanjengokuba wazenzayo ubawo eSamariya.”UAhabhi wathi kuye: “Ndiza kukukhulula phantsi komqathango womnqophiso.” Ngoko ke benza isivumelwano, waza ke wamkhulula.

35 Ngomlomo *kaNdikhoyo omnye *wabashumayeli wathetha neqabane lakhe, wathi: “Khawundigwaze!” Kambe ke akavumanga ugxa wakhe lowo.

36 Umshumayeli lowo ke wathi: “Njengokuba ke ungamthobelanga nje uNdikhoyo, sakwahlukana uya kuhlaselwa yingonyama ikubulale.” Ngenene ke bakuba bahlukene kwathi gqi ingonyama, yambulala loo mfo.