34 UBhenadadi wathi: “Ndiza kuzibuyisa izixeko ezathathwa ngubawo kuyihlo. Ngaphezu koko ungazenzela izitalato zokuthengisela phaya eDamasko nanjengokuba wazenzayo ubawo eSamariya.”UAhabhi wathi kuye: “Ndiza kukukhulula phantsi komqathango womnqophiso.” Ngoko ke benza isivumelwano, waza ke wamkhulula.
35 Ngomlomo *kaNdikhoyo omnye *wabashumayeli wathetha neqabane lakhe, wathi: “Khawundigwaze!” Kambe ke akavumanga ugxa wakhe lowo.
36 Umshumayeli lowo ke wathi: “Njengokuba ke ungamthobelanga nje uNdikhoyo, sakwahlukana uya kuhlaselwa yingonyama ikubulale.” Ngenene ke bakuba bahlukene kwathi gqi ingonyama, yambulala loo mfo.
37 Umshumayeli lowo wadibana nomnye umfo, waza wathi kuye: “Khawundigwaze.” Wamgwaza ke wamlimaza.
38 Loo mshumayeli ke wahamba wema ecaleni lendlela, elinde ukumkani. Umshumayeli lowo ke wazibopha intloko nobuso ngeqhiya, kwavela amehlo kuphela, esenzela ukuba angaziwa.
39 Uthe xa adlulayo ke ukumkani, umshumayeli lowo wamemeza wathi: “Mhlekazi, ndithe ndiphakathi emsini kwelaa dabi, suka ijoni elithile lezisa umthinjwa kum, lathi: ‘Yalusa lo mntu. Ukuba ukhe waphuncula wemka, uya kuhlawula ngobomi bakho, kungenjalo ke ibe ngumdliwo wamawaka amathathu eesiliva.’
40 Kambe ke ndisuke ndasisinxada-nxada, ndisenza le naleya: tyhini phi! Walahleka umntu!”Ukumkani wakwaSirayeli waphendula wathi: “Eso ke sisigwebo sakho, uzigwebe ngomlomo wakho.”