40 Kambe ke ndisuke ndasisinxada-nxada, ndisenza le naleya: tyhini phi! Walahleka umntu!”Ukumkani wakwaSirayeli waphendula wathi: “Eso ke sisigwebo sakho, uzigwebe ngomlomo wakho.”
41 Wakhawuleza ke umshumayeli lowo wayisusa iqhiya awayezithandele ngayo ebusweni, waza ke ukumkani wamqonda ukuba ungomnye wabashumayeli.
42 Wabhekisa kukumkani ke wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Wena ukhulule umfo ebendimmisele ukuba atshabalale. Ngoko ke umsindisile nje ke yena, akusayi kusinda wena, ngokunjalo nabantu bakho.’ ”
43 Wemka ke ukumkani wakwaSirayeli, waya ebhotwe eSamariya, equmbe esisifu.