12 Bamisa usuku lwenzila, baza ke uNabhoti bambeka endaweni ephambili.
13 Kwavela iindlavini ezimbini, zahlala malunga noNabhoti, zaza zamtyhola apho phambi kwabo bantu zisithi: “UNabhoti lo uthuke uThixo kunye nokumkani!” Ngoko ke uNabhoti bamkhuphela ngaphandle kwesixeko, baza bamgibisela ngamatye, wafa.
14 Emva koko ke bathumela kuJezebhele besithi: “UNabhoti ugityiselwe ngamatye wafa.”
15 Uthe ke akuva uJezebhele ukuba uNabhoti ugityiselwe ngamatye wafa, wathetha noAhabhi, wathi: “Hamba uye kusithatha isidiliya sikaNabhoti waseYizereli, sibe sesakho. Nditsho eso ebesala ukukuthengisela sona. Kaloku uNabhoti akasekho, ufile.”
16 Wathi ke uAhabhi akuva ukuba uNabhoti ufile, wee thwasu ngoko nangoko, wehla waya kusithatha isidiliya eso yayisesikaNabhoti.
17 Ke kaloku lafika ilizwi likaNdikhoyo kuEliya waseTishbhi lisithi:
18 “Hamba uhlangabeze ukumkani wakwaSirayeli uAhabhi olawula eSamariya. Nanko esidiliyeni sikaNabhoti, eso asithathileyo.