25 Akuzange kubekho mntu unjengoAhabhi, umfo ozincamele ekwenzeni amanyondololo ephenjelelwa ngumkakhe uJezebhele, engamkhathalele nganto uNdikhoyo.
26 Wayeziphethe ngeyona ndlela imasikizi, ethene nca nemifanekiso eqingqiweyo; nto leyo yayisenziwa ngama-Amori, abantu abagxothwayo nguNdikhoyo, waza wafaka amaSirayeli endaweni yawo.)
27 Akuweva loo mazwi uAhabhi wasuka wazikrazula iimpahla zakhe, wanxiba ezirhwexayo, wazila. Wahlala ngezo zirhwexayo, wahamba-hamba ematshekile.
28 Laphinda lafika ilizwi likaNdikhoyo kuEliya waseTishbhi lisithi:
29 “Uyabona na ukuba uAhabhi uzithobile kum ngoku? Ngenxa yoku kuzithoba kwakhe ke, esi sithwakumbe andisayi kusizisa ngemihla yakhe, koko ndosithoba phezu kwendlu yakhe ngemihla yonyana wakhe.”