4 Ngoko ke wathi kuYoshafati: “Uya kuhamba nam na, silwe neRamoti yaseGiliyadi?”UYoshafati wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”
5 Kodwa ke uYoshafati waleka ngelithi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawuqale ubuzise *kuNdikhoyo.”
6 Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabaqokelela abashumayeli bekwisithuba samakhulu amane, wathi: “Ndingaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”Bathi: “Yiya; uNdikhoyo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”
7 Kambe ke uYoshafati wathi: “Akusekho mshumayeli kaNdikhoyo na apha esinokubuza kuye?”
8 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuNdikhoyo, kodwa ke mna ndiyithiyile, kuba ayishumayeli okuhle ngokubhekisele kum, soloko ibububi bodwa. Igama layo nguMika, unyana kaImla.”UYoshafati wathi: “Hayi bo, ukumkani makangathethi njalo.”
9 Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabiza elinye lamaphakathi akhe, wathi kulo: “Khawuleza uze noMika, unyana kaImla.”
10 Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda babevethe ezobukhosi, bengqendeve ezihlalweni zabo esandeni sokubhula esikufuphi nesango laseSamariya, belapho phambi kwâbo bashumayeli.