45 Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYoshafati, nempumelelo yakhe, neemfazwe awazilwayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
46 Into awayitshitshisayo elizweni lakhe zizibingelelo zamahenyu angamadoda, ezazisekho nasemva kolawulo lukayise uAsa.
47 Ke kaloku kwaEdom kwakungekho kumkani, koko kwakuphethe ibamba.
48 UYoshafati wakha iqela leenqanawa zokurhweba, ukuze ziye eOfire, zifune igolide. Kambe ke zange zide zihambe, kuba zazisuka zitshone e-Eziyon-gebhere.
49 Ngelo xesha ke uAhaziya unyana ka-Ahabhi wathetha noYoshafati, wathi: “Khawuvumele amadoda am ahambe ngeenqanawa kunye nala wakho.” Kodwa ke wala uYoshafati.
50 Ke uYoshafati waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide ukhokho wakhe. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uYoram.
51 Ke kaloku uAhaziya unyana ka-Ahabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesixhenxe uYoshafati engukumkani wakwaJuda, waza ke walawula kwaSirayeli iminyaka emibini.