50 Ke uYoshafati waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide ukhokho wakhe. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uYoram.
51 Ke kaloku uAhaziya unyana ka-Ahabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesixhenxe uYoshafati engukumkani wakwaJuda, waza ke walawula kwaSirayeli iminyaka emibini.
52 Wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba wasuka wahamba ekhondweni likayise nonina, nasezindleleni zikaJerobhowam unyana kaNebhati owalukuhlela uSirayeli esonweni.
53 Wakhonza uBhali, equbuda kuye, wawuxhokonxa umsindo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli kwanjengokuba wenzayo noyise.