13 Ngaphezulu ke ndiza kukunika nezo zinto ungazicelanga – ubutyebi nesihomo – ukuze ebomini bakho bonke ungabi nantanga kubo bonke ookumkani.
14 Ukuba ke uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo nemithetho yam njengoDavide uyihlo, ndokuthi jize ngobomi obude.”
15 Ke kaloku uSolomon wavuka, waqonda ukuba kuthe kanti liphupha. Wabuyela eJerusalem, wema phambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, waza wenza amadini atshiswayo ngokunjalo nawobudlelwane. Kamva ke wazenzela umbhiyozo zonke izinxiba-mxhaka zakhe.
16 Ke kaloku abafazi ababini abangamahenyukazi beza kuma phambi kokumkani,
17 omnye wabo wathi: “Mhlekazi, mna nalo mfazi sihlala ndlwini-nye. Ngoku ke mna ndiye ndabeleka ndafumana umntwana, ngoko silala sobabini.
18 Ngosuku lwesithathu ndibelekile nalo mfazi ubeleke owakhe umntwana. Ke kaloku ke besisobabini apho endlwini, kungekho mntu wumbi.
19 Ngabusuku buthile lo mfazi wamfuthanisela wafa unyana wakhe.