22 Isixhaso sakwaSolomon semini nganye yayingamawaka amahlanu eelitha zeflawa ecolekileyo, neshumi lamawaka eelitha zomgubo wengqolwa;
23 ishumi leenkabi zeenkomo ezityetyisiweyo, namashumi amabini eenkomo ezondliwa emadlelweni; ikhulu leegusha, ngaphandle kwamanxala namabhadi namanqa neenkuku zodidi.
24 Kaloku uSolomon wayelawula zonke izikumkani ezikwintshona yomlambo iEfrati, ukusuka eTisa ukuya eGaza, kuyinzolo macal' onke.
25 Ngexesha likaSolomon uJuda noSirayeli xa ewonke, ukusuka kwaDan kuye kuthi xhaxhe ngeBheshebha, wayehleli ekhuselekile, umntu ngamnye enesidiliya namakhiwane.
26 USolomon wayenamawaka amane emikhumbi yamahashe eenqwelo kunye neshumi elinambini lamawaka amahashe.
27 Abalawuli bezithili yayingulowo nalowo enenyanga yakhe, bexhasa ukumkani uSolomon ngokudla okwakutyiwa ngabo bonke abalapho kwisithebe sakomkhulu. Babexhasa kungabikho nto ilambathayo.
28 Kananjalo babezisa isixhaso samahashe eenqwelo nesamanye, basibeke endaweni yaso; leyo ke yayiyihabile kunye nengca.