24 Kaloku uSolomon wayelawula zonke izikumkani ezikwintshona yomlambo iEfrati, ukusuka eTisa ukuya eGaza, kuyinzolo macal' onke.
25 Ngexesha likaSolomon uJuda noSirayeli xa ewonke, ukusuka kwaDan kuye kuthi xhaxhe ngeBheshebha, wayehleli ekhuselekile, umntu ngamnye enesidiliya namakhiwane.
26 USolomon wayenamawaka amane emikhumbi yamahashe eenqwelo kunye neshumi elinambini lamawaka amahashe.
27 Abalawuli bezithili yayingulowo nalowo enenyanga yakhe, bexhasa ukumkani uSolomon ngokudla okwakutyiwa ngabo bonke abalapho kwisithebe sakomkhulu. Babexhasa kungabikho nto ilambathayo.
28 Kananjalo babezisa isixhaso samahashe eenqwelo nesamanye, basibeke endaweni yaso; leyo ke yayiyihabile kunye nengca.
29 UThixo wanika uSolomon ubulumko nengqondo egqithisileyo, nolwazi oluphangaleleyo olungenakulinganiswa oku kwentlabathi yaselunxwemeni.
30 Ubulumko bukaSolomon babugabadele kunobulumko babo bonke abantu basempuma, kananjalo buthe kratya kubulumko bonke bamaJiputa.