26 USolomon wayenamawaka amane emikhumbi yamahashe eenqwelo kunye neshumi elinambini lamawaka amahashe.
27 Abalawuli bezithili yayingulowo nalowo enenyanga yakhe, bexhasa ukumkani uSolomon ngokudla okwakutyiwa ngabo bonke abalapho kwisithebe sakomkhulu. Babexhasa kungabikho nto ilambathayo.
28 Kananjalo babezisa isixhaso samahashe eenqwelo nesamanye, basibeke endaweni yaso; leyo ke yayiyihabile kunye nengca.
29 UThixo wanika uSolomon ubulumko nengqondo egqithisileyo, nolwazi oluphangaleleyo olungenakulinganiswa oku kwentlabathi yaselunxwemeni.
30 Ubulumko bukaSolomon babugabadele kunobulumko babo bonke abantu basempuma, kananjalo buthe kratya kubulumko bonke bamaJiputa.
31 Ngobulumko wayebagqwesa bonke abantu, kananjalo noEtan umEzra – ethe kratya kunoHeman, uKalkoli, noDarda oonyana bakaMaholi. Udumo lwakhe ngobulumko lwanwenwela kuzo zonke izizwe ezijikelezileyo.
32 Wenza izafobe ezingamawaka amathathu; waqamba iingoma eziliwaka elinesihlanu.